












UAlbertina, mtsha kwell qonga, kodwa uzibalule.
54 BONA XHOSA - September 1997












U NGABA
MCULO
KAREBECCA
UYASONGE LWA


Njengoko uRebecca Malope oyiKumkanikazi yomculo weGospile eye wathengisa ngaphezu kwamacwecwe asisigidi, sekukho iimvumi ezintsha zomculo wegospile nezineenjongo enje:
ukuphelisa ukukhonya kukaRebecca. Ngaba ziza kuphumelela?


SINABACULI bomculo wegospile abaninzi apha eMzantsi Afrika
abamaZiyoni, amawesile nabanye.
Kodwa ngoku kuba iimvumi ezininzi ziphethukela kumculo wegospile,
ngaba ziza kuthatha indawo kaRebecca?
Othelele ukuyekwa komculo wedisco yaselokishini yimvumi yomculo
wesishangana uLinah Khama owaziwa kwiqonga lomculo ngokuba
nguEbony.
UEbony ubandakanyeke kwimpikiswano yenye yeengoma zakhe ezithandwayo ethi Dlala Ngento Yakho, kodwa uthe yena wayengathethi nto imbi, wayesebenzisa umzimba wakhe (into) ekudaniseni nakwisiphi na isingqisho.
Kwicwecwe lakhe lamvanje uEbony onelizwi elimnandi ucule
kamnandi nAmadodana AseWesile.
Yimeko nje yokubonisa elinye icala lam, utshilo. Ndikhuliswe ngokwemigaqo yamakrestu nomculo wokholo usisiqinisekiso sokukholwa kwam kuThixo oye wandigcina yonke le minyaka emculweni.
UEbony ngomnye weemvumi zaseMzantsi Afrika eziye zagqwesa kweyee-l 980 neye-1 990. Ukuphethukela kwakhe kumculo wegospeli akuthethi ukuyeka ukucula idisko, sele kuza kushicilelwa icwecwe lakhe lomculo wedisko yaselokishini.
Omlandelayo notshatsheleyo ngobefudula edanisa ekwangumculi
kwiSarafina uNozi Nguse nowenza ilinge lakhe lesibini kumculo
wegospile. lcwecwe lakhe lokuqala elikhululwe eminyakeni


50 BONA XHOSA - September 1997

		ULuceIle ubonisa isimbo esibalaseleyoabhala ngaso.

